Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Kumbindi Tshayina: Imeko ongenakuyinceda ye-COVID-19

    Eli nqaku licacisa iimeko zeCOVID -19 eziqukiweyo kwipolisi yethu yeemeko ongenakuzinceda yokubhukisha okwenziwe ziindwendwe zakumbindi Tshayina nokubhukishwa kweendawo zokuhlala Nokwezinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb kumbindi Tshayina. Ukuba ubhukisho sele luqalile (umhla wokufika sowudlulile), ayizukusebenza le meko ongenakuyinceda. Funda inqaku lethu lomhlaba wonke elithetha ngeemeko ongenakuzinceda zeCOVID-19 ukuze ufumane inkcazelo ngezinye iindawo onokuzibhukisha. Ukuze urhoxe phantsi kwale polisi, kuza kufuneka uveze ubungqina okanye amaxwebhu abonisa ukuba le ibiyimeko ongenakuyinceda.

    Zeziphi iindawo zokuhlala eziqukiweyo

    • Ukuba iindwendwe zihamba ukusuka kumbindi Tshayina zisiya kwenye indawo ekwakumbindi Tshayina, ipolisi yeemeko ongenakuzinceda isebenza kuko nakuphi na ukubhukisha okwenziwe ngoJanuwdari 28, 2020 okanye ngaphambi koko, okunosuku lokungena oluphakathi kukaJanuwari 28, 2020 noAprili 1, 2002
    • Iindawo zokuhlala ezibhukishwe ngoJanuwari 28, 2020 okanye ngaphambi koko ezinosuku lokungena olusemva kuka-Aprili 1, 2020, okanye iindawo zokuhlala ezibhukishwe emva kukaJanuwari 28, 2020, azizukuqukwa kwipolisi yeemeko ongenakuzinceda. Ipolisi engokurhoxa yombuki zindwendwe iza kusebenza njengesiqhelo, ngaphandle kokuba undwendwe okanye umbuki zindwendwe ngoku ugula yiCOVID-19.
    • Kuko nakuphi na ukubhukisha ngaphandle kokubhukisha indawo yokuhlala kumbindi Tshayina, yiyakwinqaku lomhlaba wonke elithetha ngeemeko ongenakuzinceda zeCOVID-19ukuze ufumane iinkcukacha ngeemeko ezibhatalelwayo.

    Indlela esebenza ngayo

    Ukuba ulundwendwe, unokuhlola imithetho engokurhoxa yendawo yakho yokuhlala uze ufumane iindlela zokurhoxa nezokubuyiselwa imali ngokukhetha uhambo lwakhokwiphepha loHambo. Ukuba ungumbuki zindwendwe, uza kufumana inkcazelo kwideshibhodi yakho yombuki zindwendwe.

    Ukuba ukubhukisha kwakho akuqukwanga, imithetho engokurhoxa yombuki zindwendwe iza kusebenza njengesiqhelo. Sikukhuthaza ukuba uqhakamshelane nombuki zindwendwe wakho ukuze nixoxe ngokurhoxa nokubuyiselwa kwemali.

    Iinkcukacha ezingakumbi

    Sibhaleamanqaku okunceda intsapho yethu ngeli xesha Kwiziko Lolwazi. Ungafumana inkcazelo yakutshanje ngendlela esiyilwa ngayo iCOVID-19, ukusuka kwiipolisi zethu ezilungisiweyo ukuya kutsho kwizixhobo zababuki zindwendwe kunye neendwendwe.

    Kwakhona ungafunda ipolisi yeemeko ongenakuzinceda ukuze wazi ngeemeko eziqukiweyo ezingenanto yakwenza neCOVID-19.

    Sicela ukuba onke amalungu entsapho yethu angalibali ukuhlonipha, nokungakhethi, angayilibali nepolisi yethu yokungacaluli xa enxibelelana namanye amalungu entsapho yethu.

    Siza kuqhubeka sikuhlola ukusetyenziswa kwale polisi. Nceda uhlale ulijonga eli phepha ukuze ufumane inkcazelo entsha nelungisiweyo.

    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?

    Ngena kwiakhawunti yakho ukuze ufumane uncedo olulungele wena kanye

    Fumana uncedo ngokubhukisha kwakho, ngeakhawunti yakho, nangokunye.
    Bhalisa