Inkxaso Yabamelwane

Siyazi ukuba iingxaki zinokubakho naphi na ekuhlaleni. Kudla ngokukhawuleza ukuncokola ngqo nommelwane wakho uze umchazele ngezinto ezikuxhalabisayo ezinento yokwenza nokuhlala neendwendwe kwikhaya lakho, kodwa unako nokuqhakamshelana nathi ngezantsi ukuze ufumane uncedo olungakumbi. Ukuba into ekuxhalabisayo ayinanto yakwenza nommelwane wakho, yiya Kwiziko Lethu Loncedo.

Ukuba into ekuxhalabisayo ngommelwane ayingxamisekanga, sithumele umyalezo

Khetha isihloko ukuze uqalise. Imalunga nesiphi isihloko into ekuxhalabisayo?

Ingxolo okanye ipati

Siyazi ukuba ingxolo egqithiseleyo okanye ipati isenokucaphukisa. Gcwalisa le fomu ingezantsi, kwaye siza kuyilungisa le ngxaki.

Ngaba unayo ilinki yendlu ye-Airbnb yeli khaya? Iza kusinceda siqhagamshelane nombuki zindwendwe ngokukhawuleza.

Kwenzeka ntoni xa uchaza into ekuxhalabisayo?

Emva kokuba uzalise le fomu, uza kufumana i-imeyile yokuqinisekisa kunye nenombolo yetyala.

Iqela lethu liza kuqwalasela into ekuxhalabisayo. Ukuba sifumanise ukuba inento yokwenza nendlu esebenzayo ye-Airbnb, siza kuqhagamshelana nombuki zindwendwe.

Siza kubuyela kuwe emva kophando olongezelelekileyo. Ukuba kukho imfuneko, siza kubuyela kuwe sifune inkcazelo engakumbi.