Kulula ukufaka indawo yakho kuAirbnb
Faka indlu yakho ngamanyathelo nje ambalwa
Hamba ngesantya sakho, uze wenze utshintsho nanini na
Fumana uncedo ngqo kubabuki zindwendwe abanamava nanini na
Nokuba uzibuka njani iindwendwe, ukhuselekile
Ukhuselwa ngokupheleleyo, sihlandlo ngasinye usamkela iindwendwe endaweni yakho kuAirbnb.
Ukhuseleko kumonakalo ukuya kutsho kwi$3 miliyoni | |
---|---|
I-inshorensi yokubhatalela umanakalo ukuya kutsho kwi$1M | |
Inombolo yokhuseleko esebenza oko |
Ukukhuselwa Kombuki Zindwendwe Kumonakalo kubuyisa imali yezinto ezithile ezonakaliswe lundwendwe ngoxa zihleli kwindawo ka-Airbnb. Asiyiyo i-inshorensi kwaye isenokusebenza ukuba iindwendwe azibhatali. I-inshorensi yomonakalo inikezelwa zezinye iinkampani. Funda iinkcukacha nezinto ezingaqukwanga.
Zonke izixhobo ozidingayo zokubuka iindwendwe, kwi-app enye
Iimpendulo zemibuzo yakho
Imibuzo ephambili
Indawo yam imfanele uAirbnb?Funda okungakumbi ngeemali ezimele zibhatalwe.
Iindwendwe zakwa-Airbnb zinomdla kuzo zonke iintlobo zeendawo––amagumbi angasetyenziswayo, iiflethi, izindlu, izindlu zeholide, kwanezindlu ezakhiwe emthini. Ngaba kufuneka ndibuke iindwendwe ngalo lonke ixesha? Tu—ikhalenda yakho ilawulwa nguwe. Ungabuka iindwendwe kube kanye ngonyaka, iintsuku ezimbalwa ngenyanga, okanye amaxesha amaninzi. Zeziphi iimali ezimele zibhatalwe kuAirbnb? Awubhataliswa ngokufaka indlu yakho, ibe uAirbnb udla ngokuqokelela imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb eyi-3% yemali epheleleyo yokubhukishwa emva kokuba ubhatelwe. Kwiingingqi ezininzi, uAirbnb uqokelela ngokuzenzekelayo aze abhatale irhafu yokuthengisa neyokhenketho egameni lakho. Izinto ezibalulekileyo ngokubuka iindwendwe
Ndiqala njani?Qalisa ukufaka indlu yakho. Ndingenza njani ukuze indawo yam ilungele iindwendwe? Qinisekisa ukuba indawo yakho icocekile, kuqoqoshiwe kwaye yonke into isebenza kakuhle. Izinto ezifana nokufaka amashiti acocekileyo nokufaka uthotho lwezinto zokuhlamba kunceda ekwenzeni abantu bafune ukuhlala kuloo ndawo. Funda isikhokelo sethu sokulungisa indawo yakho. Ndikhuselwa njani xa ndibuka iindwendwe? I-AirCover Yababuki Zindwendwe ikukhusela ngokupheleleyo qho ubuka iindwendwe kwindawo yakho kuAirbnb. Funda okungakumbi ngeAirCover Yababuki Zindwendwe nezinto eziqukiweyo. Akhona amacebiso okuba ngumbuki zindwendwe ophum' izandla? Ukususela ekuthumeleni uludwe lweendawo ozithandayo zasekuhlaleni ukuya ekuphenduleni ngokukhawuleza imiyalezo yeendwendwe, zininzi iindlela zokuba ngumbuki zindwendwe osemagqabini. Fumana amacebiso angakumbi okubuka iindwendwe.
Unokufaka indlu yakho ngamanyathelo nje ambalwa, yonke le nto uyenze ngesantya sakho. Qala ngokusichazela ngendawo yakho, ufote uze ufake iinkcukacha ngento eyenza ikhetheke. Ipolisi & nemithetho
Ikhona imithetho esebenzayo kwisixeko sam? Funda okungakumbi ngokwamkela iindwendwe ngenkathalo. Ndenze njani ukuba ndineminye imibuzo? Ababuki zindwendwe basekuhlaleni ngabona banokukunika inkcazelo. Singakudibanisa nombuki zindwendwe wakwa-Airbnb onamava kwingingqi yakho onokukwazi ukuphendula imibuzo eyongezelelekileyo. Buza umbuki zindwendwe.
Ezinye iindawo zinemithetho nemiyalelo yokubuka iindwendwe kwindawo yakho. Kubalulekile ukuziqhelanisa nayo nayiphi na imithetho esenokusebenza kwindawo okuyo. Kwakhona, kuxhomekeka kwindawo ohlala kuyo, kusenokufuneka uqinisekise kwiHOA yakho, ufunde isivumelwano sakho sokuqeshisa, okanye uchazele umnikazi wendawo okanye abamelwane bakho ukuba uceba ukubuka iindwendwe kuAirbnb. Usenemibuzo?
Fumana iimpendulo kumbuki zindwendwe wasekuhlaleni onamava.
Ababuki zindwendwe abakwiNethiwekhi Yababuki Zindwendwe Abancedisayo badla ngokuba nemilinganiselo ephezulu, amaxabiso okurhoxa aphantsi, namava okubuka iindwendwe kuAirbnb. Imilinganiselo isekelwe kwizimvo zeendwendwe zezindlu ababuka kuzo iindwendwe okanye abangababuki zindwendwe abancedisayo kuzo ibe isenokungazimeli iinkonzo ezikhethekileyo zombuki zindwendwe oncedisayo.
Inethiwekhi Yababuki Zindwendwe Abancedisayo ixhaswa nguAirbnb Global Services Limited, nguAirbnb Living LLC, nanguAirbnb Plataforma Digital Ltda. Ifumaneka kwiindawo ezithile kuphela. Funda okungakumbi.