Isiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo Sika-Airbnb

Ukukhuselwa komonakalo wendlu ukuya kutsho kwi$1 miliyoni ezidola zaseMerika okufunyanwa ngabo bonke ababuki zindwendwe nazo zonke izindlu ngaphandle kweendleko ezongezelelweyo.
Ifumaneka simahla sihlandlo ngasinye kubhukishwa
Nanini na undwendwe lubhukisha luze luhlale kwakho, iSiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo sikukhusela ngokuzenzekelayo.
Iyakhathalela ibe ikhusela yonke into
Ungafumana i$1 miliyoni ezidola zaseMerika xa konakele indlu yakho ibe uyidinga—ayikho elingana nayo kushishino lwezohambo. Singakwicala lentsapho yethu.

Sikholo wena ngeSiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo

Sizimisele ukwenza intsapho ekhuselekileyo nethembakeleyo emhlabeni wonke. Sinendawo yokuthumelana imiyalezo neyokucombulula iingxaki ekunceda ukwazi ukuxelela undwendwe ngomonakalo luze nalo undwendwe lukwazi ukuphendula. Ukuba undwendwe alukwazi ukukubhatala okanye aluvumi ukukubhatala, iSiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo sethu senzelwe ukukunceda.
Yintoni ebhatalelwayo?
  • Umonakalo kwinto yombuki zindwendwe (ikhaya, igumbi, amagumbi, izinto)
  • Kuzo zonke izindlu ezikwa-Airbnb kuwo onke amazwe
    Imali ebhatalwe ngeSiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo ingaphantsi kweMimiselo Nemiqathango yeSiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo.
      Ukuba kuye kwakho umonakalo, amaxwebhu (iifoto, iirisithi, nezinye izinto.) aza kufuneka ukuze kufikelelwe kwisicombululo. Sicela ujonge Imimiselo Nemiqathango Yesiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo ukuze ubone imiqathango, izinto ezilinganiselweyo nezingekhoyo.
      Yintoni engabhatalelwayo?
      • Ukonzakala komntu nomonakalo kwindlu yomnye umntu (zona zikwi-inshorensi yokukhusela umnikazi wendawoyethu)
      • Umonakalo kwiindawo ezisetyenziswa nangabanye abantu kwisakhiwo esingeyiyo inxalenye yendlu ngokwayo
      • imali ezinkozo needipozithi
      • Umonakalo wenziwe sisilwanyana
      • Umonakalo oqhelekileyo ngenxa yokusetyenziswa
        Izinto ezithile, eziquka kodwa ezingaphelelanga kwezi: ubugcisa; izinto zexabiso zakudala, kuquka ifenitshala kunye nejuwelari; iimethi ezixabisekileyo, izinto zexabiso eziqokelelwayo; kunye nezinye izinto zinokubhatalelwa ngokulanganiselweyo kwiSiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo.
        Ngaba kufuneka ukubika umonakalo wendlu?
        Siyacela uqhagamshelana nathi ukuze uxele umonakalo.
        Isiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo asiyopolisi yeinshorensi. Ngomlinganiselo ofuna ukukhuselwa ngawo ngaphaya kweSiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo, u-Airbnb ukukhuthaza ukuba uthenge i-inshorensi eza kufaka wena nezinto zakho ikuze ikukhusele xa undwendwe luye lwabangela ulahlekelwe ibe loo lahleko ingekho kwimimiselo yeSiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo.
        Ngaba ukulungele ukuqalisa ukwamkela iindwendwe?
        Thatha eli nyathelo ukuze uzenzele imali engakumbi ngendlu yakho.
        Funda okungakumbi
        Iinkcukacha ezingakumbi ngeSiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo