Ukuhamba kwakhona kukhuseleke ngakumbi

Hlala usazi okwenzekayo ngamacebiso endlela zokuhamba ngexesha leCOVID-19 nasemva kwalo.

Ukhuseleko luxanduva lomntu wonke

Sicela intsapho ka-Airbnb ukuba izibophelele kwizinto ekumele zenziwe ezihlaziyiweyo zempilo nokhuseleko.

Ukunxiba imaski

Iindwendwe naBabuki Zindwendwe kufuneka bathobele imithetho nezikhokelo zasekuhlaleni zokunxiba imaski xa beza kudibana nabanye abantu.

Ukungasondeli kwabanye abantu

Xa kufuneka ngokomthetho okanye izikhokelo zasekuhlaleni, bonke Ababuki Zindwendwe neendwendwe kufuneka bavume ukungasondeli kwabanye abantu kangangomgama oyi-6 feet (iimitha eziyi-2).

Ukucoca okuphuculiweyo

Ababuki zindwendwe emhlabeni wonke bayazibophelela kwinkqubo yethu yokucoca ephuculiweyo exhaswa zingcali nenamanyathelo amahlanu.

Imigangatho ephuculiweyo qho kuhlalwa

Inkqubo yethu yokucoca ephuculiweyo enamanyathelo amahlanu, nexhaswa zingcali, ayipheleli nje ekucoceni okuqhelekileyo kodwa linyathelo elibalulekileyo ekuqinisekiseni ukukhuseleka kwentsapho yethu.

Indawo yabucala, ekude ebantwini abaninzi

Indawo yabucala. Ukubhalisela ukungena okungakudibanisi nabantu. Iindawo eziphandle ezivulekileyo. Indawo yanele. Fumana iindawo zokuhlala ezinezona zinto ezinokusetyenziswa zibalulekileyo kuwe.

Iimpendulo zemibuzo yakho

Ndazi njani ukuba indlu ilandela izikhokelo ezintsha zokhuseleko nezokucoca?

Ukususela nge-20 kaNovemba 2020, bonke Ababuki Zindwendwe (ngaphandle kwaseTshayina) bekufuneka bazibophelele kwizinto ezintsha abamele bazenze ukuzikhusela kwiCOVID-19 naxa becoca, kungenjalo kusenokukhutshwa izilumkiso kwiiakhawunti zabo, zinqunyanyiswe ibe kwezinye iimeko zisuswe kwiwebhusayithi ka-Airbnb. Ungazi ukuba Umbuki Zindwendwe uzibophelele na kwinkqubo yokucoca ephuculiweyo enamanyathelo amahlanu - jonga nje uphawu lococeko namagama athi "Uzibophelele kwinkqubo yokucoca ephuculiweyo ka-Airbnb" kwicandelo elithi Impilo nokukhuseleka kwiphepha lendlu Yombuki Zindwendwe. Funda okungakumbi Ukucoca Okuphuculiweyo kwa-Airbnb.

Xa kufunwa yimithetho nezikhokelo zasekuhlaleni, bonke Ababuki Zindwendwe neendwendwe kufuneka bavume ukunxiba imaski okanye into yokogquma ubuso xa beza kudibana ngobuqu baze bangasondeli komnye umntu kangangomgama oyi-6 feet (iimitha eziyi-2). Kwaye, sicebisa ukuba ungamkeli zindwendwe okanye uhambe ukuba ubusesichengeni sokosulelwa yiCOVID-19 okanye uneempawu zayo. Funda izinto ezifunekayo Zempilo nokhuseleko kwiindawo.

Ungaqhakamshelana noMbuki Zindwendwe umbuze imibuzo ethile ngezinto ezingempilo yakhe nazenzayo ukuze azikhusele usebenzisa i-app yakwa-Airbnb.

Ndingakutshintsha okanye ndikurhoxise njani ukubhukisha okusele kwenziwe?

Ukuba ufuna ukutshintsha okanye ukurhoxisa ukubhukisha kwakho, yiya kwicandelo elithi Uhambo kwiwebhusayithi okanye kwi-app yakwa-Airbnb ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngeendlela zokurhoxa onokukhetha kuzo zokukubhukisha kwakho kwangoku. Senze le nto iluncedo ukuze sincede iindwendwe zikhangele iinkqubo neepolisi zokurhoxa. Iindwendwe ezingakwaziyo ukuhamba ngenxa yeCOVID-19 ezibhukishe nge-14 kaMatshi 2020 okanye ngaphambi koko zinokufanelekela ukurhoxa ngaphandle ngokubhataliswa. Funda ngakumbi ngepolisi yemeko ongenakuyinceda.

Zeziphi iipolisi zeCOVID-19 eziye zenzelwa Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb?

Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb zivuliwe kwakhona kumazwe apho imithetho karhulumente esebenza kuzo izivumela. Iindwendwe naBabuki Zindwendwe kulindeleke ukuba balandele izinto ezithile zokuzikhusela kwizinto ezinokonwatyelwa omele uye ubuqu kuzo, kuquka ukungasondeli ebantwini nokunxiba imaski xa umthetho okanye imigaqo yasekuhlaleni ifuna njalo. Kwaye, sicebisa ukuba uhlale ekhaya ukuba ubusesichengeni sokosulelwa yiCOVID-19 okanye awuziva kamnandi. Funda ngakumbi ngezikhokelo zethu zezempilo nezokhuseleko Zezinto Ezinokonwatyelwa.

Ukuba ukhetha ukwenza into enokonwatyelwa neqela lakho kuphela, unokukhetha ukubhukisha kwabucala. Ukuba akukhululekanga ukuba ube kunye neqela okanye ukuba izinto ezinokonwatyelwa ekuyiwa ubuqu kuzo azikavulwa kwakhona kwimakethi yakho, buka izinto zethu ezinokonwatyelwa kwi-intanethi.

Zeziphi iindlela ezibhetyebhetye zokubhukisha onokukhetha kuzo kuAirbnb?

Iipolisi zokurhoxa zimiselwa ngaBabuki Zindwendwe, ibe ziyahluka phakathi kwebhetyebhetye, eliganiselweyo nengqongqo, kuxhomekeka kwindlu. Unokufumana iinkcukacha malunga nepolisi yokurhoxa yendawo yokuhlala nganye kwiphepha lokuqala lendlu nganye. Songeze isihluzi esitsha sokukhangela ukuze kube lula ngakumbi ukufumana iindawo ezineepolisi zokurhoxa ezibhetyebhetye. Funda okungakumbi ngesi sihluzi sitsha.

Ezinye izinto eziluncedo

Ipolisi Yemeko Ongenakuyinceda

Iipolisi zokurhoxa

Izinto zombuki zindwendwe eziluncedo