Ukwenza ukubhalisa xa kufikwa kube lula

Bhala imiyalelo yenyathelo ngalinye uza wamkele iindwendwe ngokufudumeleyo.
Ngu-Airbnb nge-Jan 3, 2020
Lifundeka ngemizuzu eyi-2
Ihlaziywe nge-Jun 4, 2024

Amava okubhalisa xa kufikwa aqala ngokunxibelelana ngendlela ecacileyo aze ayokuphela ngokunceda iindwendwe zizive zamkelekile ibe zithe zava kwindawo yakho. Nantsi indlela yokwenza izinto zibe lula xa kufikwa.

Yenza inkqubo yakho yokubhalisa xa kufikwa

Yiya kwisikhokelo sokufika sendlu yakho ukuze usete inkqubo yokubhalisa xa kufikwa elula nenokuthenjwa.

  • Khetha ixesha lokubhalisa xa kufikwa. Cinga ngexesha oza kulidinga ngaphambi kokuba kufike ezinye iindwendwe. Ababuki Zindwendwe abaninzi bakhetha ixesha lokubhalisa xa kufikwa elisemva kwemini ngoko kukho ixesha elaneleyo lokucoca ngaphambi kokuba kufike iindwendwe ezilandelayo.

  • Bhala imiyalelo ecacileyo yokuya kwindawo yakho. Quka iinkcukacha eziluncedo ukuba kunzima ukuyifumana okanye ukuba inethiwekhi yefowuni iyasokolisa kule ndawo.

  • Khetha indlela yokubhalisa xa kufikwa. Iindwendwe ezininzi zikhetha ukuzingenela, nto leyo ezenza zikwazi ukungena wena ungekho.

  • Faka imiyalelo yokubhalisa xa kufikwa. Emva kokuba ukhethe indlela yokubhalisa xa kufikwa waza wabhala neenkcukacha, njengendawo ekuyo ibhokisi yakho enesitshixo, ungafaka imiyalelo yenyathelo ngalinye eneefoto kwakwelo candelo linye.

  • Yenza incwadi ezixelela ngendlu kunye nencwadi ebonisa iindawo. Nikezela ngenkcazelo ebalulekileyo ngendawo yakho, njengendlela yokukonektha kwi-wifi, namacebiso ngezinto zasekuhlaleni, kuquka iindawo zokutyela.

Iindwendwe zinokufumana imiyalelo yakho yokubhalisa xa kufikwa kwiinkcukacha zazo zohambo kwiiyure eziyi-48 ngaphambi kwexesha lokubhalisa xa kufikwa, okanye kwiiyure eziyi-24 ngaphambi kukuba zifike ukuba unepolisi yokurhoxa ebhetyebhetye.

Cinga ngokucwangcisa umyalezo kusuku okanye kwiintsuku ezimbini ngaphambi kwexesha lokubhalisa xa kufikwa. Lithuba lokuthumela imiyalelo yakho yokubhalisa xa kufikwa kuzo zonke iindwendwe ezibhukishileyo uze uzicele ukuba ziqhakamshelane nawe ukuba zinayo nayiphi na imibuzo.

Lungisa indawo yakho

Indlela eziziva ngayo iindwendwe xa zivula umnyango yinxalenye ebalulekileyo yokuba kunjani ukubhalisa xa kufikwa.

  • Gcina indawo yakho icocekile. Yiba nendlela ozenza ngayo izinto equka ukucoca yonke indawo, imigangatho namalaphu nokuqinisekisa ukuba nawaphi na amabala, ubumdaka neenwele zisusiwe.

  • Bonisa inkcazelo eluncedo. Beka iikopi eziprintiweyo zencwadi ezixelela ngendlu yakho nencwadi ebonisa iindawo kwindawo esekuhleni.

  • Beka isipho sokwamkela iindwendwe. Isenokuba yinto encinci njengomyalezo obhalwe ngesandla okanye isimuncumuncu sasekuhlaleni.

  • Yiba nenye indlela yokungena. Cinga ngokugcina isitshixo sesibini kwibhokisi enesitshixo kufutshane nomnyango wenzele xa eyona ndlela yokubhalisa xa kufikwa ingasebenzi.

Noba yeyiphi indlela oyisebenzisayo yokwamkela iindwendwe, kufuneka wena okanye Umbuki Zindwendwe Okuncedisayo afumaneke ngexesha lokubhalisa xa kufikwa ukuze nikhawuleze nilungise naziphi na iingxaki ezinokuvela. Ukufumaneka xa iindwendwe zifika nako kunokwenza indlela ezihleli ngayo ibe mnandi.

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

Airbnb
Jan 3, 2020
Ngaba oku bekuluncedo?