Indlela yokufota iifoto zendlu yakho ezisemgangathweni

Lungisa indawo yakho, sebenzisa ifowuni yakho njengekhamera uze ufake iinkcukacha namagama acacisa iifoto.
Ngu-Airbnb nge-Nov 8, 2024
Lifundeka ngemizuzu eyi-3
Ihlaziywe nge-Nov 8, 2024

Iifoto ezintle zendlu zitsala umdla, zicacisa izinto ezilindelekileyo, zize zenze iindwendwe zibhukishe zizithembile. Zama la macebiso ukuze ufote iifoto ezikumgangatho ophezulu zendawo yakho.

Ukulungiselela ukufota

Iifoto ezineenkcukacha zinceda iindwendwe zigqibe ekubeni indlu yakho iyazifikelela na izinto ezizifunayo. Qoqosha indawo yakho uze ucwangcise ixesha lakho ngaphambi kokuba uqalise ukufota.

  • Coca uze uqoqoshe. Bonisa iindwendwe eyona nto zinokuyilindela. UJeff, umfoti oyiSuperhost eJoshua Tree, eKhalifoniya, uthi: “Liyamangalisa inani labantu abalibalayo ukuqoqosha ngaphambi kokuba bafote.”
  • Khetha izinto oza kuzibalaselisa. Yintoni iindwendwe eziza kuyithanda ngendawo yakho? Yintoni ekufuneka ziyazi ukuze zingothuki? Sebenzisa iifoto ukuze ubonise iinkcukacha ezikhethekileyo, izinto ezinokusetyenziswa ezithandwayo, nezinto ezinceda ilungele wonke umntu.
  • Yenza uludwe. Lungiselela ukufota igumbi ngalinye nendawo enokusetyenziswa ziindwendwe ufota kwiindawo ezahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, iifoto zangasemva eyadini zinokujoliswa kuyo yonke iyadi, ipuli, iveranda eneendawo zokugcakamela ilanga, nakwinto yokutshixa esegeyithini.
  • Fumana okona kukhanya kufanekelileyo. Ukukhanya kwendalo okufanelekileyo kwenza indawo ibonakale ifudumele ibe ithi yhiza kwiifoto. Lungiselela ukufota iifoto zangaphakathi xa amagumbi akho efumana ukukhanya kwasemini. Fota iifoto zangaphandle ngexesha “leeyure ezifanelekileyo,” imizuzu eyi-60 emva kokuphuma kwelanga nangaphambi kokutshona kwelanga.
  • Cinga ngokuqesha ingcali. Ukufotelwa ngumntu okwaziyo ukufota kuyafumaneka ngoAirbnb kwizixeko ezithile emhlabeni wonke.

Ukufota iifoto ezikumgangatho ophezulu

Iikhamera ezininzi zinokufota iifoto zendlu ezinomtsalane, kuquka nale ikwi-smartphone yakho. Nantsi indlela yokuqinisekisa ukuba iifoto zakho zibonakala kakuhle kuAirbnb.

  • Cima ifleshi. Vula ii-blinds zefestile, izinto ezenza igumbi libe mnyama, neekhethini. Ukuba ukuzame konke ukukhanya kwendalo ibe iifoto zakho zisemnyama kakhulu, layita izibane.
  • Fota iifoto ezilele ngecala . Zingcono iifoto ezilele ngecala kunezime nkqo kuba iifoto ziyanqunyulwa zibe zizikwere kwiziphumo zokukhangela, ibe iphepha lendlu yakho lizibonisa iifoto zime ngecala.
  • Le nto uyifotayo mayibe phakathi kwifreyimu. Vula iigridi ukuze ulungelelanise izinto.
  • Fota ngqo phambili. Fota iifoto ukwindawo eqhelekileyo, ungayikekeliselanga phezulu okanye ezantsi i-lens, ukuze iindwendwe ziyibone kakuhle indawo yakho.
  • Zikhethe iifoto. Khetha umxube weefoto ezibanzi, eziphakathi, nezisondeleyo ukuze ubonise yonke iindawo nezinto ezithile.
  • Zilungise iifoto. Lungisa ukukhanya, ubumnyama, nezinto eziphambili kwifoto nganye, usebenzisa izixhobo ezifana neqhosha lokuzilungisa ngokuzenzekelayo efowunini yakho. Zicuthe, uzimise nkqo, okanye uzijike ngokwakho iifoto (ukuze zime ngecala elifanelekileyo) ukuba loo nto iyafuneka.
  • Faka iifoto ezikumgangatho ophezulu. Sebenzisa iifoto ezineepikseli eziyi-1200 ngeepikseli eziyi-800 ubuncinane. Iifayile ezinkulu zingcono—eziya kutsho kwii-megabyte eziyi-10.
Cima ifleshi uze usebenzise ukukhanya kwendalo njengeyona nto yokukhanyisa.

Ukwenza iifoto ezibukisayo namagama acacisa ifoto

Emva kokuba iifoto zakho uzifakile, sebenzisa izixhobo zakho ezikwithebhu ethi Izindlu ukuze ubonise indawo yakho.

  • Yenza iifoto ezibukisayo. Iifoto ezibukisayo zilungelelanisa iifoto zakho ngokuzenzekelayo ngokwegumbi ukuze zincede iindwendwe ziyiqonde indlela eme ngayo indawo yakho. Ungazishenxisa, uzisuse, uze uzifake iifoto.
  • Faka iinkcukacha kwigumbi ngalinye. Ungaphawula ukuba igumbi lokulala linebhedi enobukhulu obuyi-king okanye igumbi lokuhlala lineTV ezi-intshi eziyi-55. Ungafaka nenkcazelo ngezinto ezinceda igumbi lilungele wonke umntu.
  • Bhala amagama acacisa ifoto. Cacisa into ifoto engayibonisiyo esenokuba ibalulekile kwiindwendwe. Ngokomzekelo, “Itafile yokutyela egotywayo ihlala abantu abayi-10 xa ivulwe yonke.”
  • Cacisa ukuba igumbi ngalinye liphi kwiplani yomgangatho. Bhala ingcaciso, ngokomzekelo, “Igumbi lokulala 1 likumgangatho wesibini ibe linegumbi lokuhlambela ngaphakathi kulo.”
  • Phawula izinto ezikhoyo nezinto ezinokusetyenziswa. Gxininisa izinto ezithandwayo. Ngokomzekelo, “Ikhitshi elisetyenziswa nangabanye abantu linomatshini we-espresso, iketile yombane, nefriji eneeshelfu zeendwendwe kuphela.”  Xa ugqibile ukuyilungisa, cofa iqhosha elithi Hlola ukuze uyibone ngaphambi kokuba bayibone abanye abantu indlu yakho.

 Xa ugqibile ukuyilungisa, cofa iqhosha elithi Yibone ukuze uyibone ngaphambi kokuba ibonwe ngabanye abantu indlu yakho.

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

Airbnb
Nov 8, 2024
Ngaba oku bekuluncedo?