Indlela yokwenza indlu yakho ibe phambili

Isikhokelo sethu sokuqala ngokukhawuleza siza kukunceda ukuba kubhukishwe uze uqhube ishishini lakho lokubuka iindwendwe.
Ngu-Airbnb nge-Jan 29, 2021
Ividiyo yemizuzu eyi-7
Ihlaziywe nge-Sept 27, 2023

Bukela le vidiyo, uze ukhumbule izinto eziphambili ezisixhenxe ezenza indlu iphumelele:

  • Iifoto: Sebenzisa iifoto ezibonisa izinto ezininzi nezibonisa ethile ngokweenkcukacha ukuze wenze abantu abanokuba zindwendwe babe nofifi ngendawo yakho.
  • Isihloko, ingcaciso nezinto ezinokusetyenziswa: Bonisa ngezinto ezenza indawo yakho yahluke kwaye uyilungise njengoko ufumana ingxelo yokuba zinjani kunye nezinto ezikukhuthazayo ezivela kwiindwendwe.
  • Indlela yokubeka ixabiso: Jonga indlela abekwe ngayo amaxabiso kwizindlu ezifana neyakho uze ukhangele Isixhobo sethu Sendlela Ephucukileyo Yokubeka Ixabiso.
  • Iisetingi zekhalenda nezokubhukisha: Ufumana ithuba lokulawula ukuba iindwendwe ziyibhukishe njani nanini indlu yakho.
  • Ukubasekuqaleni kwiziphumo zokukhangela: Nanga amacebiso okuphucula ukuba ivela ingeyesingaphi kwiziphumo zokukhangela, ukususela ekuvuleni Ukuvel' Ubhukishe ukuya ekufumaneni izimvo ezintle.
  • Inkqubo yokubhukisha: Ziphendule ngokukhawuleza iindwendwe uze wamkele izicelo zokubhukisha ezininzi kangangoko kunokwenzeka.
  • Ukubhatalwa: Lungisa indlela oza kubhatalwa ngayo ukuze ubhatalwe ngokuzenzekelayo.
Airbnb
Jan 29, 2021
Ngaba oku bekuluncedo?