Nxibelelana ngokuphumelelayo

Thumelela iindwendwe imiyalezo ecacileyo nefika ngexesha.
Ngu-Airbnb nge-Jan 10, 2024
Lifundeka ngemizuzu eyi-2
Ihlaziywe nge-Jul 26, 2024
Nxibelelana ngokuphumelelayo
Ukwamkela iindwendwe zakho zokuqala
Nxibelelana ngokuphumelelayo

Ukunxibelelana kakuhle neendwendwe kunokunceda ekwenzeni ukuhlala kamnandi kube yinto emnandi kakhulu. Sebenzisa izinto zika-Airbnb zokuthumela imiyalezo ukuze wabelane ngeenkcukacha nezikhumbuzo ezibalulekileyo, uphendule imibuzo ngokukhawuleza, uze wamkele abantu ngokufudumeleyo.

Ukuqala ngezinto ezisiseko

Indlela oyithumela ngayo inkcazelo inceda ukubonisa ukuba kuza kubanjani ukuhlala kwakho. Yenza konke okusemandleni akho ukuze:

  • Ufumaneke. Vula imiyalezo ukuze ufumane uze uphendule imiyalezo yeendwendwe ngokukhawuleza. U-Annette, Umbuki Zindwendwe eSan Francisco, uthi kwaneengxaki ezincinci, uye acele iindwendwe athi “qhakamshelana nathi ngoko nangoko ibe siza kuyihoya.”

  • Sukufihla nto. Chaza ngokuchanileyo into emele ilindelwe ziindwendwe. UDaniel, Umbuki Zindwendwe waseSan Francisco uthi “Into oyichazela iindwendwe zakho ukuba ziza kuyifumana nento eziyifumanayo xa zifika kufuneka ihambelane.”

  • Khululeka. Zibuze iindwendwe ukuba ungazinceda njani zizive zisekhaya ibe zamkelekile. USadie, iSuperhost yaseSanta Fe, eNew Mexico uthi: “Ziza kubakho izinto esingazilindelanga thina Babuki Zindwendwe.”

  • Khathala. Indlela osabela ngayo kwingxaki inokwenza ungalibaleki. UFelicity, ilungu leQumrhu Labacebisi Lababuki Zindwendwe noyiSuperhost eNew South Wales, eOstreliya uthi, “Ungajika imeko enzima ibe kokunye ukubhukisha ukuba uyisingatha kakuhle ngokuba novelwano nokukhawuleza uyilungise.”

Ukuthumela imiyalezo ngamaxesha abalulekileyo

Cinga kwangaphambili ngezinto ekufuneka iindwendwe zizazi ukuze izinto zibe lula kuzo uze unciphise imibuzo. Amaxesha abalulekileyo xa kucetywa uhambo naxa kuhanjwa aquka:

  • Imibuzo okanye izicelo zobhukisha. Uneeyure eziyi-24 zokuphendula xa iindwendwe ziqhakamshelana nawe, kodwa kungcono ukuphendula ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Uninzi Lwababuki Zindwendwe luyenza loo nto ingekapheli iyure. 

  • Isiqinisekiso sokubhukisha. Thumela umyalezo othi “enkosi ngokubhukisha” ukuze wakhe ubuhlobo uze uchazele iindwendwe ukuba uyafumaneka ukuze uphendule nayiphi na imibuzo.

  • Xa kufikwa. Khumbuza iindwendwe kusuku okanye kwiintsuku ezimbini ngaphambi kokuba zifike ngendawo ezinokuyifumana kuyo imiyalelo yakho yokubhalisa xa kufikwa kwi-app, uze uchaze nayiphi na imiyalelo ebalulekileyo ngokungena ngaphakathi.

  • Xa kuhleliwe. Buza iindwendwe emva nje kokuba zifikile ukuba zinayo yonke na into eziyidingayo ukuze zihlale kamnandi. Ungacebisa ngeevenkile zakho zasekuhlaleni ozithandayo, iivenkile zokutyela nezinto zokwenza.

  • Xa kuhanjwa. Thumela umyalezo kungekudala emva kwexesha lokuphuma ozibulelayo iindwendwe uze uzicele ukuba zibhale uluvo. Zibhalele uluvo ngokukhawuleza kangangoko unako.

Ukwenza imiyalezo yakho ezenzekelayo

Ukuba nomlinganiselo wokuphendula omhle yenye yezinto eziliqela ezinokunceda indlu yakho ivele phezulwana xa iindwendwe zikhangela indawo kuAirbnb. 

Sebenzisa ezi zinto kwithebhu Yemiyalezo ukuze uqikelele uze uphendule imibuzo eqhelekileyo ngaphandle kokulibazisa:

Iimpendulo ezikhawulezayo 

  • Yenza iithempleyithi zemiyalezo ukuze kube lula ukuthumela inkcazelo, njengendawo yokupaka okanye enoba iindwendwe zingayifaka na imithwalo ngaphambi kokubhalisa xa kufikwa. 

  • Ungazenza zilungele wena ezi thempleyithi ngeekhowudi ezimfutshane ezifaka iinkcukacha zondwendwe, zokubhukisha nezendlu ngokuzenzekelayo. 

  • Emva kokuba usete iimpendulo ezikhawulezayo, into ethile kwithebhu Yemiyalezo isebenzisa iAI ukuze iqonde umbuzo wondwendwe ize icebise ngokuzenzekelayo eyona mpendulo yakho ifanelekileyo. 

Imiyalezo ebekelwe ixesha 

  • Yenza imiyalezo eqhelekileyo uze ucwangcise ukuba iza kuthunyelwa kwiindwendwe ngamaxesha abalulekileyo afana nala akhankanywe ngasentla. 

  • Ungayenza ilungele wena le miyalezo ngeekhowudi ezimfutshane.

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

Nxibelelana ngokuphumelelayo
Ukwamkela iindwendwe zakho zokuqala
Nxibelelana ngokuphumelelayo
Airbnb
Jan 10, 2024
Ngaba oku bekuluncedo?