Ukuqonda i-inshorensi yohambo yeendwendwe zika-Airbnb

Abantu abahlala eUK nakwiinxalenye zaseYurophu banako ukuthenga iipolisi xa bebhukisha kwa-Airbnb.
Ngu-Airbnb nge-Jun 1, 2022
Lifundeka ngemizuzu eyi-3
Ihlaziywe nge-Jul 30, 2024

Zikhe zibekho iimeko zongxamiseko nokuphazamiseka kohambo okungalindelekanga. Yiloo nto uAirbnb enikezela ngeinshorensi yohambo okanye yokubhukisha yeendwendwe. 

Iindwendwe ezihlala eUK nakumazwe asibhozo aseYurophu zinokukhusela ukubhukisha kwazo kwimingcipheko ethile xa zibhukisha uhambo ngeendleko ezongezelelekileyo. Xa iindwendwe ezithenga ipolisi zirhoxisa ngenxa yesizathu esiqukiweyo kuyo, ziza kukwazi ukufaka ibango leinshorensi lokucela ukubuyiselwa imali yeendleko zokubhukisha kuAirbnb ezingabuyiswanga.

Le nto inokunciphisa amathuba okuba iindwendwe zicele ukubuyiselwa imali Kubabuki Zindwendwe engaqukwanga kwimimiselo yeepolisi zokurhoxa Zababuki Zindwendwe.

Indlela iindwendwe eziyithenga ngayo i-inshorensi

I-inshorensi yohambo iyafumaneka kwiindwendwe ezihlala eUK, eIreland, eAustria, eJamani, eItali, eNetherlands, ePortugal naseSpeyini. Iindwendwe zaseFransi zingayithenga i-inshorensi yokubhukisha.

Iindwendwe kwezi ndawo nakwamanye amazwe afanelekayo zinokukhetha ukuthenga i-inshorensi kwa-Airbnb ngaphambi kokuqinisekisa nokubhatalela ukubhukisha. Imali yeinshorensi yondwendwe yipesenti ethile yeendleko zalo zokubhukisha. Ngaphambi kokuba ziyithenge, iindwendwe zinokufunda iinkcukacha zepolisi yazo nemimmiselo nemiqathango yayo.

Iindwendwe ezithenga i-inshorensi zifumana i-imeyile yokuqinisekisa eneenkcukacha zepolisi yazo nenkcazelo ngendlela yokufaka ibango. Kuxhomekeka kwindawo olukuyo undwendwe, iipolisi zifumaneka kumasebe e-Europ Assistance aseUK okanye aseIreland. I-Europ Assistance yinkampani ephantsi kweGenerali Group, eyinkampani ehamba phambili yeinshorensi esemazweni amaninzi.

Izinto eziqukiweyo kwi-inshorensi

I-inshorensi yohambo okanye yokubhukisha incedisa ekukhuseleni iindwendwe, kuquka ukubhatalela ukuya kutsho kuyo yonke imali yeendleko zokubhukisha engabuyiselwayo ukuba uhambo lwazo luchatshazelwe ziziganeko ezithile ezibhatalelwayo, ezifana nemozulu embi okanye ukugula kakhulu.

Ngokomzekelo, ukuba Umbuki Zindwendwe ubuyisa i-50% yeendleko zokubhukisha kondwendwe phantsi kwepolisi yokurhoxa yoMbuki Zindwendwe, i-inshorensi yohambo inokubuyisela ukuya kutsho kwi-50% eshiyekileyo xa undwendwe lurhoxa ngenxa yesizathu esibhatalelwayo. Inkampani yeinshorensi ayizukuzama ukufumana imali Kumbuki Zindwendwe ukuze ibhatale ibango londwendwe.

Izinto ezikhuselwayo nemimiselo iyahluka ngokweendawo. Unokufumana iinkcukacha ezingakumbi Kwiziko Loncedo:

I-inshorensi yohambo yahlukile kwiAirCover yeendwendwe, efumaneka qho xa kubhukishwa. I-AirCover ikhusela iindwendwe kwiingxaki ezingalindelekanga njengeengxaki ezifana nokungachani kwendlu okanye ukungakwazi ukubhalisa xa kufikwa.

Ebantwini abahlala eUK: I-inshorensi yohambo ifumaneka kwaEurop Assistance S.A. kwiSebe laseUK. I-Europ Assistance S.A. ilawulwa ngabasemagunyeni baseFransi (ACPR), 4 place de Budapest, CS92459 - 75436 Paris Cedex 09, France. I-Europ Assistance S.A. iSebe laseUK ligunyaziswe yiPrudential Regulation Authority. Iphantsi kwemithetho yeFinancial Conduct Authority naphantsi kolawulo olulinganiselweyo lwePrudential Regulation Authority. Iinkcukacha ngezinto eziqukiweyo kwimithetho yethu yePrudential Regulation Authority ziyafumaneka xa zicelwa. Inombolo yokubhalisa ye-Europ Assistance S.A. iSebe laseUK FCA ngu-203084. I-inshorensi yohambo ilungiselelwe nguAirbnb UK Services Limited. U-Airbnb UK Services Limited ngummeli omiselweyo weAon UK Limited, ogunyaziswe nolawulwa yiFinancial Conduct Authority. Inombolo yokubhalisa yeFCA yeAon UK Limited ngu-310451, ungayibona le nto ngokuya kwiFinancial Services Register okanye ufowunele u-0800 111 6768. I-inshorensi Yohambo ilawulwa yiFinancial Conduct Authority. Iimveliso neenkonzo ezishiyekileyo azizizo iimveliso ezilungiselelwe yiAirbnb UK Services Limited. Kusebenza imimiselo nemiqathango epheleleyo. FPAIR20243LC

Ebantwini abahlala eFransi: I-inshorensi yokubhukisha ifumaneka kuAirbnb Ireland Insurance Services Limited ibe ifumaneka kuEurop Assistance S.A. (EASA), esebenza ngeSebe layo eliseIreland. I-Europ Assistance S.A. iSebe eliseIreland (EAIB), inendawo ephambili eshishinela kuyo eseGround Floor, Block B, Riverside IV, SJRQ, Dublin 2, Ireland, DO2 RR77 nebhaliswe kwi-Irish Companies Registration Office phantsi kwenombolo ethi-907089. I-EASA igunyaziswe ngabasemagunyeni baseFransi (ACPR), ese-4 place de Budapest, CS92459 – 75436 Paris Cedex 09, eFransi, ibe iEAIB ilawulwa yimithetho yokuqhuba amashishini yeCentral Bank of Ireland. U-Airbnb Ireland Insurance Services Limited ulawulwa yiCentral Bank of Ireland. Kukho imimiselo nemiqathango.

Kwabanye abantu abahlala e-EU: I-inshorensi yohambo iphantsi kwe-Europ Assistance S.A. (EASA), esebenza ngeSebe layo eliseIreland, iEurop Assistance S.A. Isebe eliseIreland (EAIB). eneyona ndawo iphambili eshishinela kuyo eseGround Floor, Block B, Riverside IV, SJRQ, Dublin 2, Ireland, DO2 RR77 ibe ibhaliswe kwiOfisi Yokubhalisa Iinkampani zaseIreland phantsi kwenombolo ethi-907089.  I-EASA igunyaziswe ngabasemagunyeni baseFransi . I-Autorité de Contrôle Prudentiel et de Résolution, ese-4 place de Budapest, CS92459 – 75436 Paris Cedex 09, eFransi ne-EAIB zilawulwa yimithetho yokuqhuba amashishini yeCentral Bank of Ireland. I-inshorensi yohambo ifumaneka kubathengisi beinshorensi iAon Iberia Correduria de Seguros y Reaseguros S.A.U. bencediswa yinkampani yokucebisa iAirbnb Marketing Services S.L.U. Iofisi ebhalisiweyo yeAon iseC/Velázquez, 86d, 28006-eMadrid, eSpeyini. I-Aon ibhaliswe kwiCommercial Registry of Madrid kwiPhepha M-19857, Umqulu 1577, Iphepha 122, inombolo yokubhalisa yerhafu ngu-A-28109247, ibe ibhaliswe kwiRegister of Insurance and Reinsurance Distributors yeDirectorate-General of Insurance and Pension Funds phantsi kwenombolo ethi J0107. I-Aon inemali efunekayo neinshorensi, ngokutsho kweRoyal Decree-law 3/2020, kaFebruwari 4, 2020, kwizinto ezingxamisekileyo nezichaphazela izinto zomthetho waseSpeyini, imiyalelo eyahlukeneyo ye-European Union, kumacandelo athile okuthengwa kwezinto karhulumente; i-inshorensi yabucala; izicwangciso zepenshini nemali; irhafu namatyala erhafu. Izinto ezifumaneka kwipolisi yeinshorensi zichazwe ngendlela eqhelekileyo ibe ziphantsi kwemiqathango ethile nezinto ezingabhatalelwayo.

Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.

Airbnb
Jun 1, 2022
Ngaba oku bekuluncedo?