Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Indlela uAirbnb akunceda ngayo njengoMbuki Zindwendwe

    Fumana izinto eziluncedo, ooNozakuzaku baBabuki Zindwendwe nezinye iindlela ezingakumbi uAirbnb anceda ngayo Ababuki Zindwendwe abatsha baqalise.
    Ngu-Airbnb nge-2021 Mey 10
    Lifundeka ngemizuzu eyi-2
    Ihlaziywe nge-2021 Jul 16

    Izinto eziphambili

    • Amaqela ababuki zindwendwe asixelela ngamava awo

    • Iipolisi zika-Airbnb zinceda ekukukhuseleni Njengombuki Zindwendwe

    • Yenza indlu yakho uze uqalise ukubuka iindwendwe

    Ukuba usafika ekubukeni iindwendwe, kusenokwenzeka ukuba unemibuzo emininzi ngokuba kanye kanye kuqalwa phi ibe zibukwa njani iindwendwe. Ukususela ekwenzeni isigqibo sokubuka iindwendwe kwindawo yakho ukuya ekufikeleleni izinto ozibekele zona ngeshishini lakho, ungamthemba uAirbnb ukuba uza kufak' isandla kwimpumelelo yakho ngalo lonke ixesha.

    Sichithe ngaphezulu kweminyaka elishumi sisenza izixhobo zokukunceda, kuquka izikhokelo zendlela yokwenza indlu ephumelelayo, imiyalezo eyezenzelwe wena, iiforamu Zababuki Zindwendwe nezinye izinto.

    Xa unezi zixhobo, ungaqalisa ishishini lakho lokubuka iindwendwe uzithembile.

    Funda kwabona bahamba phambili kwintsapho yethu Yababuki Zindwendwe

    Ababuki Zindwendwe bethu banokunikezela ngamanye awona macebiso mahle xa kufikwa ekuqaliseni nasekugcineni ishishini lokubuka iindwendwe ekhayeni lakho. Nantsi indlela yokukhawuleza uqhakamshelane Nababuki Zindwendwe kwingingqi yakho nasemhlabeni wonke:

    "Ndiyayithanda indlela iqela lethu [likaFacebook] elimanyanisa ngayo abantu abohlukeneyo kwinjongo enye, kodwa eyona nto intle ngakumbi kukuba yenza abantu bazive beyintsapho koko kunokuba lishishini olenza wedwa,” litsho ilungu Lequmrhu Labacebisi Lababuki Zindwendwe baka-Airbnb uMerrydith waseHobart, eOstreliya.

    Fumana ukukhuselwa Kwababuki Zindwendwe nokuxhaswa nguAirbnb

    Iingcali zethu zokunceda ziyafumaneka imini nobusuku efowunini, kwi-imeyile nakwimiyalezo yemveliso ukuze ziphendule ngokukhawuleza imibuzo yakho zize zikuncede ulungise naziphi na iingxaki ezinokuvela.

    Nazi ezinye zeendlela esizama ngazo ukukukhusela, ukukukhuthaza nokukunceda:

    UDennis waseLondon, eNgilani uthi: “Isiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo yenye yezinto eyandinceda ndenza isigqibo sokujoyina uAirbnb, kuba ukuba kukho umonakalo okanye iingxaki, ndibalekela kuso.”

    Lawula ishishini lakho lokubuka iindwendwe ngezi zixhobo

    Sizimisele ukubamamela nokufunda Kubabuki Zindwendwe bethu. Ukutyhubela iminyaka, senze izixhobo ezitsha ezininzi ezikunceda wenze ishishini lokubuka iindwendwe eliphumelelayo nelonwabisayo, kuquka:

    • Izixhobo zethu zezaphulelo ezikhethekileyo, ezinceda Ababuki Zindwendwe benze izindlu zabo zibe nomtsalane ngakumbi ngokusebenzisa izaphulelo ezifumaneka kube kanye kwizindlu ezintsha, izaphulelo zabo babhukisha kwangoko, kunye namaxabiso aphantsi eveki
    • Ibhokisi yemiyalezo ehlaziyiweyo enemiyalezo yakho yeempendulo ezikhawulezayo (ngaphambili ibisaziwa njengemiyalezo egciniweyo) nemiyalezo ebekelwe ixesha evele iyenze ngokuzenzekelayo imisebenzi ephindaphindayo ize ikuncede ulungelelanise unxibelelwano lwakho, ikongela ixesha Njengombuki Zindwendwe
    • Ithebhu yamathuba, inamacebiso okubhukisha athetha ngokukhethekileyo ngengingqi yakho ukuze akuncede utshintshe izinto ngokuhambelana nokutshintsha kwezinto ezithandwayo zohambo

    Ukuthatha isigqibo sokubuka iindwendwe kusenokoyikisa, yiloo nto sisebenza Nababuki Zindwendwe abaphum' izandla kwintsapho yethu ukuze sikuncede ngalo lonke ixesha. Ukonwabele ukubuka iindwendwe!

    *“Intshayelelo Yokubuka Iindwendwe” iiklasi ezikwi-intanethi ngoku ziyafumaneka eJemani, eFransi, eItali, eSpeyini, eUnited Kingdom, naseMerika.

    **Iiklasi ezikwi-intanethi noonozakuzaku baka-Airbnb abafumaneki kuzo zonke iindawo.

    Izinto eziphambili

    • Amaqela ababuki zindwendwe asixelela ngamava awo

    • Iipolisi zika-Airbnb zinceda ekukukhuseleni Njengombuki Zindwendwe

    • Yenza indlu yakho uze uqalise ukubuka iindwendwe
    Airbnb
    2021 Mey 10
    Ngaba oku bekuluncedo?