Gqiba ngexabiso lakho losuku
Kungathatha ixesha ibe kusenokufuneka umane ulilungisa kakuhle ukuze ufumane ixabiso losuku elikulungeleyo nelinomtsalane kwiindwendwe. Nguwe osoloko elawula ixabiso lakho, kwaye ungalitshintsha nanini na.
Ukubeka ixabiso lakho
Nguwe obeka ixabiso lakho lokuqala xa ufaka indawo yakho kwa-Airbnb. Ixabiso elicetyiswayo Lokuqalisa KuAirbnb lisekelwe kwizinto ezifana nendawo indlu yakho ekuyo, izinto ezinokusetyenziswa, nokuba iindwendwe zizifuna kangakanani iindawo ezifana nayo.
Yenza konke okusemandleni akho ukucinga ngeendleko zakho nemali iindwendwe ezilungele ukuyibhatala. Izinto omele ocinge ngazo ziquka:
- Iindleko zokubuka iindwendwe, njengetyala lendlu, imali yokulungisa izinto, neerhafu.
- Izinto ezithandekayo onikezela ngazo, njengezinto ezinokusetyenziswa ezithandwayo okanye ukuba kufuphi nezinto ezinomtsalane zasekuhlaleni.
- Ixabiso elipheleleyo eliza kubhatalwa zindwendwe, kuquka naziphi na iimali ezimele zibhatalwe oceba ukuzibhatalisa.
Ukugcina ingcaciso yendlu yakho, iifoto nezinto ezinokusetyenziswa zisexesheni kunceda ukucacisa ixabiso lakho uze wenze iindwendwe zazi into ezinokuyilindela.
Nanini na ulungisa ixabiso lakho, ungacofa kwindawo ethi Ixabiso londwendwe ngaphambi kweerhafu ukuze ubone indlela elahlulahlulwe ngayo ixabiso lakho losuku nemali oyibhatalela ukusebenzisa uAirbnb. Cofa kwindawo ethi Imali oyifumanayo ukuze ubone ixabiso lakho losuku ngaphandle kwemali ebhatalwa ngumntu obuka iindwendwe.
Thelekisa izindlu ezifanayo
Ukuthelekisa amaxabiso ezindlu ezifana neyakho kwingingqi yakho kunokukunceda ubeke ixabiso elikhuphisana kakuhle namanye uze utsale abantu abangakumbi ababhukishayo. Ukuba unexabiso elifanayo suku ngalunye, cinga ngokufaka amaxabiso eveki nawempela-veki. Ukutshintsha-tshintsha amaxabiso akho ngokusekelwe kusuku kunokukunceda wonyuse izinga lokubhukishwa.
Ukuze uthelekise izindlu ezifanayo:
- Yiya kwithebhu ethi Amaxabiso kwikhalenda yendlu yakho.
- Khetha iintsuku eziyokufika kweziyi-31.
- Cofa kwindawo ethi Thelekisa izindlu ezifanayo.
Uza kubona umyinge wexabiso lezindlu ezifana neyakho ezikufuphi kwimephu yengingqi yakho. Amaqhosha akwimephu akuvumela ukuba ujonge izindlu ezibhukishiweyo okanye ezingabhukishwanga. Izinto ezigqibayo ukuba zeziphi izindlu ezifanayo ziquka indawo indlu ekuyo, ubungakanani bayo, izinto ezinokusetyenziswa, imilinganiselo, izimvo, nezinye izindlu iindwendwe ezizijongayo ngoxa zicinga ngeyakho.
U-Katie, ilungu Lequmrhu Labacebisi Lababuki Zindwendwe noyiSuperhost ePalm Springs, eKhalifoniya uthi, “Ukuba ndibona izindlu ezifanayo ezinexabiso eliphantsi ibe ndiseneentsuku endifumaneka ngazo, ndiye ndikhangele isizathu saloo nto. Ndiye ndijonge indlela endihombise ngayo, izinto zam ezinokusetyenziswa, ipolisi yam yokurhoxa, imali yam yokucoca. Zininzi izinto ezibangela ukuba kubhukishwe omnye umntu endaweni yokuba kubhukishwe mna.”
Amaxabiso akho nezinye iisetingi zilawulwa nguwe ngalo lonke ixesha. Iziphumo zakho zinokwahluka.
Ababuki zindwendwe baye babhatalwa ngokuba kudliwano-ndlebe.
Inkcazelo ekweli nqaku isenokuba itshintshile emva kokuba lipapashiwe.