Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Yintoni Into Enokonwatyelwa Ekwi-intanethi?

    Izinto ezinokonwatyelwa kwi-intanethi zividiyo ezidlala kwangoko okwazi ukuthetha nabanye kuzo ibe ezenzelwe amaqela amancinci.Zikunceda udibane nababuki zindwendwe abazincutshe, uthethe nabantu kwi-intanethi, ibe yindlela emnandi yokudibana nabantu emhlabeni wonke.

    Umahluko phakathi kwezinto ezinokonwatyelwa omele uye ubuqu kuzo kunye nezikwi-intanethi

    Izinto ezinokonwatyelwa kwi-intanethi zenziwa ngoZoom. UZoom lijelo elikwi-intanethi elisetyenziselwa ukuba neentlanganiso ngeevidiyo ibe lingasetyenziswa kwikhompyutha, kwithablethi nakwifowuni.

    Imilinganiselo yomgangatho

    Njengezinto ezinokonwatyelwa omele uye ubuqu kuzo nezinto ezinokonwatyelwa kwi-intanethi zimele zifikelele imilinganiselo yomgangatho.Ngaphezu koko, izinto ezinokonwatyelwa kwi-intanethi zimele zifikelele ezinye izinto ezifunekayo ezingakumbi.

    Izimvo zeendwendwe

    Iindwendwe zineentsuku eziyi-30 zokubhala ukuba ibinjani into enokonwatyelwa emva kokuba iphelile.Zinokumxelela umbuki zindwendwe ukuba bekunjani ecaleni zize zitsho ukuba bekunjani ukuze ezo zimvo zibonwe ngumntu wonke ukwenzela iindwendwe ezilandelayo.Funda okungakumbi ngendlela izimvo ezisebenza ngayo, kwizinto ezinokonwatyelwa omele uye ubuqu kuzo nezinto ezinokonwatyelwa kwi-intanethi.

    Ukutshintsha ukubhukisha

    Ungarhoxa xa ubuncinane kushiyeke iintsuku eziyi-7 ngaphambi kokuba iqale okanye kwiiyure eziyi-24 emva kokuba ubhukishile, okanye utshintshe ukubhukisha xa ubuncinane kushiyeke iiyure eziyi-72 ngaphambi kokuba into enokonwatyelwa iqale.Iipolisi zokutshintsha ukubhukisha okusele kwenziwe ziyafana Kwizinto Ezinokonwatyelwa kwi-intanethi zakwa-Airbnb nomele uye ubuqu kuzo.

    Amaxabiso

    Izinto ezinokonwatyelwa kwi-intanethi zinexabiso lomntu ngamnye ngokuzenzekelayo. Iindwendwe kufuneka zibhukishe indawo yomntu ngamnye oza kujoyina into enokonwatyelwa.Kodwa ke, ukuba umbuki zindwendwe akanangxaki neendwendwe ezininzi ezisebenzisa isixhobo esinye, uza kuzichazela iindwendwe ukuba zidinga nje ukubhukisha indawo enye kwiphepha lento yabo enokonwatyelwa kwindawo ethi Into Oza Kuyenza nethi Indlela Yokuthatha Inxaxheba.

    Ukubuyiswa kwemali

    Kwinto enokonwatyelwa kwi-intanethi, iindwendwe ziyakufanelekela ukubuyiselwa yonke imali yazo ukuba kuye kwakho iingxaki kwezobugcisa, njengengxaki yokungayiva okanye ukuba nengxaki kwevidiyo, zinto ezo ezibakho ngenxa yezixhobo ezizisebenzisayo okanye isixhobo esisetyenziswa ngumbuki zindwendwe. Ungafunda ipolisi yokubuyiselwa imali yonkekwinqaku Lepolisi Yokubuyiselwa Kondwendwe Imali Yento Enokonwatyelwa.

    IZiko Lezemali

    Ukuba ufuna ukuthumela okanye ukucela imali okanye ukubhatalela iinkonzo ezongezelelekileyo kumbuki zindwendwe okanye kundwendwe, njengokucela ukubuyiselwa imali okungaqukwanga kumthetho wokurhoxa, sebenzisa IZiko Lezemali.

    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?
    Amanqaku asondele kweli