Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Kutheni zirhoxisiwe nje Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb endisa iindwendwe kuzo?

    NgoMatshi 11, 2020, uMbutho Wezempilo Wehlabathi (iWHO) ukubhengeze ukuqhambuka kweCOVID-19 njengobhubhane wehlabathi lonke. Ngokusekelwe kwisikhokelo soorhulumente kunye neengcali zempilo yoluntu sokuba qelele kwabanye abantu, Izinto Ezinokonwatyelwa ze-Airbnb ziye zarhoxiswa ukususela ngoMatshi 18, 2020, kwaye ziza kuqhubeka zirhoxisiwe ubuncinane de kube ngoAprili 3, 2020 ukuze intsapho yethu ibe sempilweni kwaye ikhuseleke.

    Sikholelwa ukuba kuyimfuneko ukuthatha eli nyathelo lexesha elifutshane ukuze sibe negalelo ekunciphiseni ukusasazeka kwale ntsholongwane, size kangangexesha elide senze abantu bazithembe izinto ezinokonwatyelwa njengendlela yokudibana nabanye abantu ehlabathini lonke.

    Into eza kwenzeka ngokubhukisha

    Ukuba ubhukishele ixesha laphakathi kukaMatshi 18 noAprili 3, 2020, oko kubhukisha kuye kwarhoxiswa ngokuzenzekelayo. Iindwendwe zakho ziza kubuyiselwa okanye sele zibuyiselwe yonke imali yazo, kuquka imali yazo zonke iinkonzo zeAirbnb. UAirbnb akazukugcina nayiphi na imali enento yokwenza nokubhukisha.

    Ukubhukisha izinto ezinokonwatyelwa emva kuka-Aprili 3

    Iindwendwe zingabhukisha nantoni na ekhoyo kwikhalenda yakho emva kuka-Aprili 3, 2020. UAirbnb uza kuqhubeka iyibeke esweni le meko ehlabathini lonke, kwaye siza kuyazisa intsapho yethu ukuba imeko iyatshintsha.

    Iipolisi zokurhoxisa Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb

    Xa ziphinde zavunyelwa Izinto Ezinokonwatyelwa ze-Airbnb, ipolisi yokurhoxiswa kwezinto ezinokonwatyelwa iza kusebenza kuyo nantoni na erhoxiswayo. Ukurhoxiswa okunxulumene neCOVID-19 kuyaqwalaselwa phantsi kwepolisi yeemeko ongenakuzinceda. Hlola inqaku lethu leemeko ongenakuzinceda zeCOVID-19 ukuze ufunde ngeemeko ezinento yokwenza neCOVID-19.