Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo
    Ixesha lokulinda lide ngoku kuneliqhelekileyo
    Ngenxa ye-coronavirus (COVID-19), ngoku sifumana inani elikhulu lezicelo sibe sinabasebenzi abambalwa. Ukuba ukubhukisha kwakho kuqala kwiiyure ezingaphezu kweziyi-72, nceda unxibelelane nathi xa sele kusondele usuku lokungena kwakho ukuze sikwazi ukuxhasa abo bafuna uncedo ngokukhawuleza. Ukuze utshintshe okanye urhoxise ukubhukisha, yiya kwiphepha lakho lohambo okanye kwideshibhodi yombuki zindwendwe.

    Kutheni zirhoxisiwe nje Izinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb endizibhukishileyo?

    NgoMatshi 11, 2020, uMbutho Wezempilo Wehlabathi (iWHO) ukubhengeze ukuqhambuka kweCOVID-19 njengobhubhane wehlabathi lonke. Ngokusekelwe kwisikhokelo soorhulumente kunye neengcali zempilo yoluntu sokuba qelele kwabanye abantu, Izinto Ezinokonwatyelwa ze-Airbnb ziye zarhoxiswa ukususela ngoMatshi 18, 2020, kwaye ziza kuqhubeka zirhoxisiwe ubuncinane de kube ngoAprili 3, 2020 ukuze intsapho yethu ibe sempilweni kwaye ikhuseleke.

    Sikholelwa ukuba kuyimfuneko ukuthatha eli nyathelo lexesha elifutshane ukuze sibe negalelo ekunciphiseni ukusasazeka kwale ntsholongwane, size kangangexesha elide senze abantu bazithembe izinto ezinokonwatyelwa njengendlela yokudibana nabanye abantu ehlabathini lonke.

    Into eza kwenzeka ngokubhukisha

    Ukuba ubhukishele ixesha laphakathi kukaMatshi 18 noAprili 3, 2020, oko kubhukisha kuye kwarhoxiswa ngokuzenzekelayo. Uza kubuyiselwa okanye sele ubuyiselwe yonke imali yakho ngendlela yokubhatala oyisebenzisileyo ekubhukisheni into yakho enokonwatyelwa. Funda okungakumbi ngendlela okusebenza ngayo ukubuyiswa kwemali .

    Ukubhukisha izinto ezinokonwatyelwa emva kuka-Aprili 30

    Ungabhukisha nayiphi na into enokonwatyelwa ekhoyo emva kuka-Aprili 30. UAirbnb uza kuqhubeka eyibeke esweni le meko yehlabathi, kwaye siza kuyazisa intsapho yethu ukuba imeko iyatshintsha.

    Iipolisi zokurhoxisa Izinto Ezinokonwatyelwa ze-Airbnb

    Xa ziphinde zavunyelwa Izinto Ezinokonwatyelwa ze-Airbnb, ipolisi yokurhoxiswa kwezinto ezinokonwatyelwa iza kusebenza kuyo nantoni na erhoxiswayo. Ukurhoxiswa okunxulumene neCOVID-19 kuyaqwalaselwa phantsi kwepolisi yeemeko ongenakuzinceda. Hlola inqaku lethu leemeko ongenakuzinceda zeCOVID-19 ukuze ufunde ngeemeko ezinento yokwenza neCOVID-19.

    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?