Dlulela kumxholo
    Qhubeka uye phambili ukuze ufikelele kwiziphumo ezicetyisiweyo

    Ipolisi yeemeko ongenakuzinceda necoronavirus (COVID-19)

    Ihlaziywe ngo15 Septemba 2020

    NgoMatshi 11, uMbutho Wezempilo Wehlabathi (iWHO) ubhengeze ukuvela kwecoronavirus, eyaziwa ngokuba yiCOVID-19, njengobhubhane wehlabathi lonke. Ukusukela ngoko, lo bhubhane uye wanda ngokukhawuleza baza noorhulumente emhlabeni wonke bathatha inyathelo ngokukhawuleza ukunciphisa ukusasazeka kweCOVID-19.

    Kwelethu icala, thina sinikezela ngale nkxaso yemali elandelayo kumaxhoba eCOVID-19 aphantsi kwepolisi yethu yeemeko ongenakuzinceda ukuze sikhusele intsapho yethu ize ibe noxolo lwengqondo. Nceda ujonge eli phepha ukuze ufumane ezakutshanje ngenkxaso yemali.

    Icebiso: Ukuba ulundwendwe, ungafumana iindlela zokurhoxa nezokubuyiselwa imali ngokuya kwiphepha elithi Uhambo uze ukhethe uhambo lwakho—fumana indlela yokukwenza oku. Ukuba ungumbuki zindwendwe, uza kufumana inkcazelo kwideshibhodi yakho yokubuka iindwendwe.

    Ushwankathelo

    Ukubhukisha kwendawo yokuhlala Nokwezinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb okwenziwe ngaphambi okanye ngoMatshi 14, 2020, nokunosuku lokungena oluphakathi kukaMatshi 14, 2020 no31 Oktobha 2020, kuqukiwe kwipolisi ibe kungarhoxiswa ngaphambi kokungena. Iindwendwe ezifuna ukurhoxa ziza kuba neendlela zokurhoxa nokubuyiselwa imali ezinokukhetha kuzo, kwaye ababuki zindwendwe bangarhoxisa ngaphandle kokubhataliswa okanye kokuchaphazela ilungelo labo lokuba yiSuperhost. UAirbnb uza kubuyisa imali, okanye akhuphe imali enokusetyenziselwa ukuhamba, equka yonke imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb yokubhukisha okurhoxisiweyo okukufanelekelayo ukubuyiselwa imali. Ukuze urhoxe phantsi kwale polisi, kulindeleke ukuba uveze ubungqina bemeko ekwenza urhoxe okanye uxwebhu oluxhasa into yokuba le ibiyimeko ongenakuyinceda.

    Imithetho engokurhoxa yombuki zindwendwe iza kusebenza njengesiqhelo kubhukisho olwenziwe emva kukaMatshi 14, 2020.

    Ukurhoxa kuza kwenziwa ngokweemeko ongenakuzinceda ezenzeke ngexesha lokufakwa kwesicelo ibe ukubhukisha okusele kurhoxisiwe akuzukuphinda kuhlolwe.

    Ukuba sele lufikile usuku ebelubhukishiwe (ixesha lokubhalisela ukufika sele lidlulile) le meko ongenakuyinceda ayisebenzi.

    Kusebenza iipolisi ezahlukileyo kubhukisho kumbindi Tshayina kunye nakubhukisho lwezindlu zeLuxe okanye zeLuxury Retreats.

    Kokuphi ukubhukisha okubuyiselwayo imali

    Kukubhukisha okwenziwe ngoMatshi 14, 2020 okanye ngaphambi koko

    Ukubhukishwa kwendawo yokuhlala nokubhukishwa Kwezinto Ezinokonwatyelwa zika-Airbnb okwenziwe ngaphambi okanye ngoMatshi 14, 2020, nokunosuku lokungena oluphakathi kukaMatshi 14, 2020 no31 Oktobha 2020, kusenokurhoxiswa ngaphambi kokungena. Oku kuthetha ukuba iindwendwe ezirhoxayo phantsi kwale polisi ziza kubuyiselwa yonke imali yazo okanye ibe yimali enokusetyenziswa kuhambo elingana nemali eziyibhateleyo (apho imali enokusetyenziswa kuhambo ifumanekayo khona), ababuki zindwendwe baza kukwazi ukurhoxa phantsi kwale polisi ngaphandle kokubhataliswa okanye lingakhange lichaphazeleke ilungelo labo lokuba yiSuperhost, ibe uAirbnb uza kuyibuyisela yonke imali yabo okanye ibe sisaphulelo esinokusetyenziswa kuhambo, kuquka imali ebhatalelwa ukusebenzisa uAirbnb.

    Ukubhukishwa kwendawo yokuhlala okanye Kwezinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb okwenziwe ngoMatshi 14, 2020 okanye ngaphambi koko nokunosuku lokungena olusemva kuka31 Oktobha 2020 okwangoku akuzokuqukwa kwipolisi yethu yeemeko ongenakuzinceda yeCOVID-19. Ipolisi yokurhoxa yombuki zindwendwe iza kusebenza njengesiqhelo.

    Ukuba sele lufikile usuku ebelubhukishiwe (ixesha lokubhalisela ukufika sele lidlulile) le meko ongenakuyinceda ayisebenzi.

    Ukubhukisha okwenziwe emva koMatshi 14, 2020

    Ukubhukishwa kwendawo yokuhlala okanye Kwezinto Ezinokonwatyelwa zakwa-Airbnb okwenziwe ngoMatshi 14, 2020 akuzokuqukwa kwipolisi yethu yeemeko ongenakuzinceda, ngaphandle kokuba undwendwe okanye umbuki zindwendwe wosulelwe yiCOVID-19. Iimeko ezinxulumene neCOVID-19 ezingaqukwanga zibandakanya: ukuphazamiseka nokurhoxiswa kwezothutho; amacebiso nezithintelo zohambo; amacebiso ezempilo kunye nokuhlaliswa wedwa; utshintsho kumthetho osebenzayo; nokunye okugunyazisiweyo ngurhulumente—njengemiyalelo yokufuduka, ukuvalwa kwemida, izithintelo kwirente yethutyana, kunye nemfuneko yokuhlala endlini. Ipolisi yokurhoxa yombuki zindwendwe iza kusebenza njengesiqhelo.

    Ipolisi yethu yeemeko ongenakuzinceda yenzelwe ukukhusela iindwendwe kunye nababuki zindwendwe kwiimeko ezingalindelekanga ezivela emva kokubhukisha. Emva kokubhengezwa kweCOVID-19 njengobhubhane wehlabathi nguMbutho Wezempilo Wehlabathi, ipolisi yeemeko ongenakuzinceda ayizukusebenza ngenxa yokuba iCOVID-19 kunye nomonakalo ewenzayo ayisezozinto zingalindelekanga. Nceda ungalibali ukuyihlolisisa kakuhle ipolisi yokurhoxa yombuki zindwendwe xa ubhukisha uze ucinge ngokukhetha ukubhukisha onokukwazi ukukutshintsha.

    Indlela esebenza ngayo

    Ukuba ulundwendwe, unokufumana iindlela zokurhoxa nezokubuyiselwa imali ngokuya kwiphepha elithi Uhambo uze ukhethe uhambo lwakho—fumana indlela yokukwenza oku. Ukuba ungumbuki zindwendwe, uza kufumana inkcazelo kwideshibhodi yakho yokubuka iindwendwe.

    Ezakutshanje nge-coronavirus kunye nezixhobo

    Sibhale amanqaku okunceda intsapho yethu ngeli xesha Kwiziko Lolwazi. Ungafumana inkcazelo yakutshanje ngendlela esiyilwa ngayo iCOVID-19, ukusuka kwiipolisi zethu ezihlaziyiweyo ukuya kutsho kwizixhobo zababuki zindwendwe kunye neendwendwe.

    Kwakhona ungafunda ipolisi yeemeko ongenakuzinceda ukuze wazi ngeemeko eziqukiweyo ezingenanto yakwenza neCOVID-19.

    Sicela ukuba onke amalungu entsapho yethu angalibali ukuhlonipha, nokungakhethi, angayilibali nepolisi yethu yokungacaluli xa enxibelelana namanye amalungu entsapho yethu.

    Siza kuqhubeka sikuhlola ukusebenza kwale polisi. Nceda uhlale ulijonga eli phepha ukuze ufumane inkcazelo entsha nehlaziweyo. Ukuba unokubhukisha okwenziwe ngoMatshi 14, 2020 okanye ngaphambi koko, nokunosuku lokungena olusemva ko31 Oktobha 2020, nceda uphinde ujonge apha ngo1 Oktobha 2020 ukuze ubone inkcazelo ehlaziyiweyo.

    Amanqaku asondele kweli
    Ngaba ulufumene uncedo obulufuna?

    Ngena kwiakhawunti yakho ukuze ufumane uncedo olulungele wena kanye

    Fumana uncedo ngokubhukisha kwakho, ngeakhawunti yakho, nangokunye.
    Bhalisa